Isizathu sokuba uluntu lumoyike uThixo luze luphile ubomi obunobulungisa ngokweemfundiso zikaThixo kukonwaba ngonaphakade ubukumkani bezulu obungenasiphelo, obuthenjiswe nguThixo.
Kungoko umpostile uPawulos wathi wabalekela isiphelo sokholo—usindiso lwemiphefumlo.
Ukusikhokelela elusindisweni lwemiphefumlo yethu, injongo yokholo lwethu, uKristu Ahnsahnghong weza kulo mhlaba okwesibini esenyameni waza wabuyisela umnqophiso omtsha wePasika, owabhangiswa ngowama-325 AD.
Ngokulandela imfundiso yokuba uMoya oyiNgcwele kaThixo akanakuhlala ngaphakathi kwethu ngaphandle kwePasika, amalungu eBandla likaThixo ehlabathini lonke ayigcina ingcwele iPasika.
[U]kuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu. . . . nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu. 1 KaPetros 1:7-9
Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. 1 KaYohane 5:11
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala