UAbraham wanikeza isishumi kuMelkitsedeke owamsikelela ngesonka newayini, kwaye uDavide waprofetha ukuba “umbingeleli olandela uHlobo lukaMelkitsedeke nguThixo.” Kwaye Umpostile uPawulos wangqina ngoKristu ozakuza kwakhona kwilixa likaMoya Oyingcwele ezela usindiso loluntu, ngoku cacisa ukuba “uMelkitsedeke ungaphandle kukabawo okanye umama okanye umlibo wokuzalwa.”
UMelkitsedeke weTestamente ENdala wanika uAbraham intsikelelo ngesonka newayini. Ngokunjalo, uYesu wanikeza intsikelelo yoxolelo lwezono nobomi obungunaphakade ngesonka newayini yePasika yoMnqophiso OMtsha. UKristu uAhnsahngohng ungqinwe ukuba unguThixo oze ngokoHlobo lukaMelkitsedeke, ngoku buyisela iPasika yoMnqophiso OMtsha ibihleli ibhangisiwe iminyaka engama-1,600.
Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye…UMelkitsedeke, umkukani waseSalem, waphuma enesonka newayini… UAbram wamnika isishumi seento zonke.
Genesis 14:17-20
Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika….uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela….Wayithabatha nendebe [wayini], wabulela….ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
Mateyu 26:19-28
UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho……Iya kuginya ukufa kuphele….Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise”
Isaya 25:6-9
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala