Sinokuwabona amandla elizwi likaThixo xa uAdam noEva bafayo ngokutya kumthi wokwazi okulungileyo nokubi; umphangi owayekwicala lasekunene lomnqamlezo wasindiswa; zaphiliswa iimfama zombini; Waphiliswa umfazi lowo ubenethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yaye ngesibakala sokuba nabani na otya inyama kaYesu aze asele igazi Lakhe ngokuba nenxaxheba kwisonka sePasika newayini uya kufumana isipho sobomi obungunaphakade.
Ngexesha loNyana, uYesu kuphela wanika amanzi obomi kwabo babeza kuye ngoMhla Wokugqibela nongowona Umkhulu woMthendeleko weMinquba.
Kwixesha loMoya oyiNgcwele, abo beza kuKristu Ahnsahnghong noThixo uMama, oweza njengoMoya noMtshakazi, baya kufumana amanzi obomi, uMoya oyiNgcwele. Ngabo abanokuphumeza zonke izinto ngamandla elizwi likaThixo.
Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu woMthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe. Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye;...
Yohane 7:37–39
UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.
ISityhilelo 22:17
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala