UMhla woCamagushelo ngumhla omkhulu apho zonke izono zabantu nababingeleli zixolelwa. AmaSirayeli alulibala ubabalo lukaThixo aze ona ngokunqula isithixo, ithole legolide. Yiyo loo nto uMoses waphula iseti yokuqala yeMithetho Elishumi eyanikelwa nguThixo. AmaSirayeli aguquka ezonweni zawo waza uThixo wawanika iseti yesibini yeMithetho Elishumi; olu suku lwaba yimvelaphi yoMhla woCamagushelo.
KwiTestamente eNdala, zonke izono zikaSirayeli zazifuduselwa okwexeshana kwingcwele de kube nguMhla WoCamagushelo. Namhlanje, zonke izono zethu zisiwe kuKrIstu Ahnsahnghong nakuThixo uMama, abayinyaniso yengcwele. Ngoko, ngoMhla WoCamagushelo, zonke izono zethu zidluliselwa kuSathana, ongumsunguli wesono. Ekugqibeleni, uSathana uya kugwetywa enzonzobileni, oko kukuthi, esihogweni, yaye ngelo xesha, zonke izono ziya kuthi shwaka ekugqibeleni.
Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Kodwa ngolweshumi kule nyanga yesixhenxe, ngomhla wokucamagusha, yoba yintlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu; nisondeze ukudla kwasemlilweni kukaYehova.
Levitikus 23:26–27
Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.
Yohane 1:29
UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
ISityhilelo 20:10
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala