UMoses namaSirayeli banyamezela ukubandezeleka okukhulu ukususela kwixesha bagcina ngalo iPasika baze balishiya elaseYiputa de bawela uLwandle Olubomvu. Oku kuzalisekiswe yinkxwaleko kunye nokubandezeleka awathi uKristu wadlula kuwo ngoMthendeleko Wezonka Ezingenagwele, owawungosuku olulandelayo emva kokuba egcine iPasika.
Umthendeleko Wezonka Ezingenagwele ngumthendeleko obonisa ukubandezeleka kukaKristu, okuyinyani yoMthetho kaMoses kwiTestamente eNdala. Kweli xesha, uThixo usixelele ukuba sithathe inxaxheba ekubandezelekeni kukaKristu ngokuzila ukutya size sigqibelele ngokoyisa zonke iintlungu esinokuthi sidlule kuzo.
UMoya ngokwakhe ungqinelana nomoya wethu, ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba ke singabantwana, sikwaziindlalifa; iindlalifa zikaThixo, iindlalifa ke kunye noKristu; ukuba okunene siva ubunzima kunye naye, ukuze sizukiswe nokuzukiswa kunye naye. Kuba ndigqiba kwelithi, iintlungu zeli xesha lakalokunje azinakulinganiswa nobuqaqawuli obu buza kutyhilwa kuthi. KwabaseRoma 8:16–18
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala