Xa singenalo ukholo, iimeko
ezisingqongileyo ziqhubeka zisiya
kwicala elingelilo.
Xa sinokholo, yonke into
ihamba kakuhle.
Kufuneka siwuqonde lo mgaqo
ngeBhayibhile size silahle lonke
uloyiko lwethu, amaxhala neenkxalabo
kubomi bethu bokholo.
IBhayibhile ibhala ngomsebenzi kaGidiyon,
umsebenzi kaYoshuwa, umsebenzi wokwahlula
uLwandle Olubomvu, nomsebenzi wezonka
ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini.
Kwabonakala kungenakwenzeka emehlweni enyama,
kodwa uThixo wakwenza konke.
Ngokunjalo, ukuba siyawakholelwa amazwi
kaKristu Ahnsahnghong noThixo uMama
kunye neemfundiso zikaYesu zokuba
ivangeli yomnqophiso omtsha iya
kushunyayelwa kwihlabathi liphela, yonke
into iya kufezekiswa ngokwamazwi
Abo.
Ke lowo uthandabuzayo, ukuba
uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba
engadli ngokwaselukholweni; konke ke
okungekokwaselukholweni kusisono.
KwabaseRoma 14:23
Wathi ke uYesu kuye,
Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke
izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.
Marko 9:23
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala