Ubukumkani bamazulu yindawo yolonwabo novuyo
lwanaphakade, engenakufa, zintlungu, okanye intlupheko.
Kungoko uThixo wasixelela ukuba singaphili ubomi
obungenanjongo ngokungathi siza kuphila iwaka
leminyaka ngeli xa singenakuphila nekhulu, kodwa
siphilele ubukumkani bamazulu.
Kanye njengokuba uYesu wanika uluntu ubomi
ngomnqophiso omtsha wePasika kwiminyaka engama-2,000 eyadlulayo,
uKristu Ahnsahnghong noThixo uMama basifundisa ukuba
kufuneka siyigcine iPasika ukuze siphile ubomi
obungunaphakade, hayi ubomi obubunayo njengeentyatyambo zentsimi.
Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma
komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.
Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;
Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba
yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya
layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba
ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.
INdumiso 90:9–10
Ngenxa enokuba Yonke inyama injengengca, Nabo
bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca. Ingca
iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo; Ke lona
ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade. . . .
1 Petros 1:24–25
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala