Ukuze size kuThixo wokwenyani, akufanele sikholelwe
amazwi abantu, kodwa amazwi eBhayibhile.
Kungenxa yokuba siphila kwilixa elizele
ooKristu ababuxoki, neemfundiso zobuxoki.
Singahlula phakathi kwenyaniso nobuxoki
ngamazwi kaThixo kuphela.
“Ziphengululeni izibhalo,
ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo;
zaye zona zingqina ngam.”
Yohane 5:39
NjengoPetros owafumana izitshixo zoBukumkani Bamazulu
xenikweni eqonda ngokuchanekileyo uYesu onguThixo,
xa siqonda ngokuchanekileyo uThixo uBawo kunye noThixo uMama
oze kweli lixa likaMoya Oyingcwele,
singamkela iintsikelelo zaseZulwini.
Kubhaliwe ukuba izinto ezikulo mhlaba ngumzekelo nesithunzi
sezinto zaseZulwini. Ngakumbi kwinkqubo yosapho lwasemhlabeni,
uThixo usivumela ukuba sázi ngenkqubo yosapho lwasezulwini,
waze wasazisa ukuba kungegazi nenyama kaThixo,
enikezwa ngesonka newayini yePasika kuphela, apho
singakwazi ukuba ngabantwana bokwenene bakaThixo.
(Inkqubo yosapho lwaseZulwini inoBawo, uMama, nabantwana)
Njengoba uThixo wanikeza uSolomon ubulumko bokuhluza
umama wenene, kule mihla iingcwele zeBandla
likaThixo zinikwe ubulumko ngamazwi eBhayibhile
kwaye basikelelekile ngokuza kuThixo uMama.
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala