Xa uMpostile uYohane wabona imeko
elusizi apho lonke uluntu lwaluya kuya
esihogweni, walila. Kodwa ke, omnye
wabadala wathi kuye: “Kwixesha elizayo,
iNgcambu kaDavide iya kuvula iBhayibhile
ibikade itywiniwe ize isindise uluntu.” UKristu
Ahnsahnghong wabhaptizwa eneminyaka
engama-30 ubudala, ngokungqinelana
nobomi bukaDavide, wagqiba iminyaka
engama-37 eseleyo, waza watyhila
umnqophiso omtsha neemfihlelo
zeBhayibhile ezitywiniweyo, kuquka
nenyaniso yoMama wethu waseZulwini.
Kuba iimfihlelo zeBhayibhile zinokuvulwa
nguDavide kuphela, uluntu kufuneka ludibane
noDavide. UKristu Ahnsahnghong, oweza njengoDavide,
wafundisa uluntu ngobukumkani
bamazulu banaphakade, endaweni yemicimbi
yobu bomi bexeshana. Kwakhona,
wafundisa ubukho bukaThixo uMama, uEva wokwamoya,
ofihlwe ngaphakathi kwecebo likaThixo.
Ngoko ke, zonke izizwe zingumsinga ukuya
kwiBandla likaThixo apho ahlala khona
uThixo uMama.
Ndandilila kakhulu mna, ngokuba
kungafunyanwanga namnye ufanele
ukuyivula nokuyilesa incwadi,
nokuyikhangela oku. Yathi enye indoda
enkulu kum, Musa ukulila; yabona,
iNgonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu
kaDavide, ikweyisile ukuyivula incwadi,
nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe.
IsiTyhilelo 5:4–5
Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe
ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko
ibe ngumgwebo: ngokunjalo uKristu,
esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale
asisuse isono sabaninzi, uya kuthi
okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale
kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
KumaHebhere 9:27–28
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala